

Amakhasi Abadala
OKUQHUBEKA
EMFUNDWENI
Abantu abaninzi abadala eMzantsi-Afrika abakwazi ukufunda nokubhala. Njengoko
sinorhulumente omtsha abanye abantu bafuna ukufunda yaye zininzi iititshala ezifunekayo,
iiklasi neezinto zokufunda. UTyhila Ufunde ukuxelela ngezinye iincwadi yaye

zinokusetyenziswa ukuphucula ulwazi lwakho Iokufunda

Zonke ngeencwadi!
Ngaba uneenkcukacha okanye kukho isiganeko osaziyo ocinga ukuba siya kubanceda abafundi
bethu? Xa kunjalo bhalela kwaLook and Learn, P.O.Box 35677, Northway, 4065.


















ISurviving Rape
Uphengululo
lSurviving Rape isandul' ukupapashwa yiNew Reader Project eThekwini. Le ncwadi ilungcelele lokufundisa abantu ngamalungelo abo. lbhalwe ngolwimi olulula yaye iluncedo ebantwini abafuna ukuphucula ulwazi lwabo lokufunda. UTyhila Ufunde ukuzisela olu phengululo!

Baninzi abantu abadlwengulwayo eMzantsi-Afrika yonke imihla. Ngenxa yoko kubalulekile ukuba abantu bazi kangangoko benako ngako. Kufuneka sazi amalungelo ethu nemasikwenze xa
sidlwenguliwe. Naku okuza kwenziwa yile ncwadi.

linkcukacha ezikwisurviving Rape zibhalwe kakuhle yaye ziluncedo. Unikwa amacebo amaninzi ngomawukwenze xa udlwenguliwe. Kukho noluhlu lwemibutho enokukunceda xa udlwenguliwe.

Ngaba ikho into enokwenziwa ukuphepha ukudlwengulwa? Oko kuchaziwe kule ncwadi,.. Kubalulekile ukwazi indlela yokunciphisa amathuba okudlwengulwa. Kunzima nokuphepha ukudlwengulwa.

Le ncwadi iza kuba Iuncedo ebantwini abaninzi. lshicilelwe ngesiNgesi nangesiZulu. Xa ufuna ukuodola isurviving Rape, unokubhalela kwiThe New Readers Project, Department of

Adult and
Community Education, University of Natal, Durban, 4014.

Konke ngejazz!
Ukhe uve ngoKippie Moeketsi noTandie Klaasen? Zimvumi zejazz ezaziwayo ezo. Ngoku abakwaViva Books bakubhalela amabali abo ngolwimi olulula. Zombini ezi ncwadi
ziyanceda ekuphuculeni ulwazi lwakho lokufunda.

UKippie Moeketsi wayeyimvumi ephambili yejazz eMzantsi-Afrika. Wayetsala nzima ebomini yaye wasweleka elihlwempu. Kwakungenzeka njani oko kwimvumi eyayinesiphiwo ngolo hlobo? lncwadi ethi Kippie Moeketsi. The Sad Man of Jazz isibalisela ngobomi bakhe ukususela ekukhuleni kwakhe kuse ekunxileni nasekufeni kwakhe. lngakuphosi le ncwadil

lbali likaTandie Klaasen alifani nelikaKippies. Akazange afikelele lula enkcochoyini yaye wayesenempumelelo ngoo-1 970. Ngelo xesha wayecula neHarlem Swingsters yaye wayekhenkethe eLondon nomdlalo weqonga othandwa othi King Kong. Ubomi bakhe baguquka - xa wathelwa ngepetroli lulutsha olubini lwaza lwamtshisa. lncwadi ethi Thandie's Blues isibalisela ngamaxesha obunzima ebomini bakhe nendlela owayezisombulu!a ngayo iingxaki zakhe.

Xa unomdla wokufunda ngobomi beemvumi zejazz ezazidumile, zifanele zingakuphosi ezi ncwadi. Ukhumbule ukuba ziya kukunceda uphucule ulwazi lwakho lwesiNgesi. Xa uziodola, bhalela kule dilesi: Viva Books, P.O. Box 28510, Kensington, 2101.










Iincwadi Zenu
Zuza i-R50 ngeleta yakho enomdla
Siyakuvuyela kakhulu ukufumana iileta zenu! Khumbulani ukuba uTyhila Ufunde uhlawula i-R50 ngeleta enomdla. Bhalani ke. Hlalaniphantsi nisibhalele. Kule nyanga kukho umntu osithumelele umfanekiso obalisa ibali. Nawe unako ukusithumelela elakho ibali lomfanekiso. Ukuba unengxaki, siza kwenza unakonako wokukuphendulela yona! Bhalani nithi TYHILA UFUNDE, Media-in-Education, P O. Box 35677, Northway, 4065.
Ileta Ephumeleleyo
Ukuba mbalwa kweemoto zamapolisa
Ndingumhlali waseMotherwell eBhayi yaye ndikhathazekile ngokuba mbalwa kweemoto zamapolisa kwisikhululo esikule ngingqi. Qho xa kukho ingxaki uze utsalele umnxeba amapolisa uxelelwa ukuba amapolisa akanako ukuza apho kuba akukho moto. Le ngxaki yenza abantu bakhalaze ngokuba amapolisa akawenzi umsebenzi wawo. UMphathiswa waMapolisa kufuneka awuqwalasele lo mba.

NguM.E. Loteni, eMotherwell
UDoctor Khumalo
Doctor Khumalo
Mtungwa
Nyana wencutshe uEliakim 'Pro'
Khumalo
Ulandel' ekhondweni likayihlo
kwedini
Ungumbethi weekona
Iipenalthi kukutya kwakho
Ukungabikho koxolo ekhaya
ABAPHUMELELE KUKHUPHISWANO
LUKAJULAYI
CassimAbudul, Kwa-Dlangezwa; uMzimba Novusumzi, waseFlagastafl; uRachel Bogoshi, waseOrkney  uFrith N. Badirwang, wakwa-Xuma;uJoel R. Lesesa, wasePhuthadijaba; uCeliwe Goodness, waseNqabeni; uMofokeng Johannes Ntjhee, waseFicksburg; uSavy Deliwe Mkhwanazi,
waseBarberton;ElindiSeptember,
waseWorcester,uMaria M. Mokwele,
waseRivonia.
	Mondi
	Paper Inkampani ephamhili kweli ekuveliseni amaphepha okushicilela, awoshishino nawekufundisa






















Bonke abagcini-zipali bayakoyika Ungathi unemlenze enemilingo Ugqitha kubadlali ngokungathi uyatyibi!ika
Abadlali basoloko benexhala ngawe
EMelika bayangcangcazela ngenxa yakho Bathathe mfana bathathe De bathi Nee baas, Sixolele baba!
NguM. Mabotse, eGlen Cowie


Ukungabikho koxolo ekhaya
Imbi into yokuba lungabikho uxolo phakathi kwabazali ekhaya. Abazali abasoloko bexambulisana phambi kwabantwana abaqondi ukuba
oko kuyabaphazamisa abantwana. Bagqibela bengazi ukuba bafanele bavumelane nowuphi umzali. Oko kubenza babe ngamalolo kuchaphazele nenkqubo yabo esikolweni. Esikolweni abamameli into abayifundiswayo basoloko becinga ngeengxaki zakowabo.

Abazali mabahlale ngoxolo ekhaya xa befuna abantwana babo babe nenkqubela ebomini. Bafanale babonakalise ukuba bayathandana. Sonke siyazi ukuba apho kukho uthando kukho uxolo.

NguV.P. Diko, kukomani

Izikolo ezicalula iintlanga

Ndifunda kwisikolo apho abafundi abantsundu baphethwe kakubi. Abafundi babelungu bayabaleka xa bebona abafundi abantsundu ngokungathi babona inyoka. Sisabizwa ngokuba singama-"kaffir" ngabanye abafundi. Andazi ukuba baya kuzamkela nini iinguqu yaye andiyithandi into abayenzayo. Ngaba sisikolo soMzantsi-Afrika omtsha esi?

NguT.M. Nkosi, eMessina



		BONA XHOSA - October 1996 23

	Siyavusana nawe Boiia xa ugiba iminyaka engama-40 - Moiidi Paper

24 BONA XHOSA - October 1996

